Dataset Viewer
Auto-converted to Parquet Duplicate
text
stringlengths
13
1k
Uluvo lwe Khabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo
IKhabinethi iyibulele iNtetho ka Mongameli engo Bume beSizwe yesixhenxe ebeyenziwe ngu Mongameli uJacob Zuma ngo Lwesibini, umhla we-17, kweye Silimela yowama-2014.
Iinkqubo ebezigxininiswe ngu Mongameli nezikhokelwa sisi Cwangciso so Phuhliso seSizwe (i-NDP) ziza kucaciswa ngakumbi kwezi veki zizayo zintlanganisela zamacandelo waba Phathiswa.
Ngomoya wokuba Sisonke si Qhubela uMzantsi Afrika Phambili, iKhabinethi imemelela onke amacandelo oluntu ukuba abambisane no Rhulumente ekufekezekiseni iNkqubo ye Misebenzi, esekelwe koko sele kwenziwe kule Minyaka ye Nkululeko ingama-20 idlulileyo.
IKhabinethi ikwamkele ukuphela kogwayimbo oluqhube iinyanga ezintlanu kuMmandla we Platinam.
Olu gwayimbo lutsale ithuba elide lubachaphazele kakubi abasebenzi, abaqeshi kunye noqoqosho lwethu lulonke.
Nakuba ilungelo lokugwayimba likhuselekile ngoko Mgaqo-siseko nango kwemithetho yeze misebenzi, iKhabinethi iyababongoza abaqeshi kunye nemibutho yabasebenzi ukuba mabasombulule uthethathethwano ngokukhawuleza ukuthintela iintshukumo zogwayimbo ezitsala ixesha elide.
Impumelelo yeenkqubo zethu zophuhliso ixhomekeke kuqoqosho oluzinzileyo noluhlumayo.
IKhabinethi ikuqaphele ukuthotywa kwezinga lo Mzantsi Afrika zi-arhente zokuhlela, u-Standard and Poor’s kunye no-Fitch kule veki iphelileyo.
IKhabinethi iyakubethelela ukuba urhulumente uyayazi imiceli-mingeni yohlumo ejongene nayo uMzantsi Afrika.
Urhulumente ukukhokelisa phambili ukukhawuleziswa kokufezekiswa kwe-NDP), esineziphakamiso ezijonge ekuvuleleni amathuba ohlumo lo Mzantsi Afrika.
Urhulumente uzibophelele ekuphuculeni imithetho ekhoyo, ukunciphisa ukunqongophala kwezakhono nokukhawulezisa inkqubo yokutyala imali kwiziseko ezingundoqo njengenxalenye yokususa imiqobo edodobalisa uhlumo.
IKhabinethi iyazamkela iziphumo zo Phando lwa Makhaya Jikelele lowama-2013 ebezisandula ukukhutshwa liziko le Nkcukacha-manani lo Mzantsi Afrika.
Ezi ziphumo ziyangqina ukuba ibali elimyoli lemigaqo-nkqubo neenkqubo ezingqingqwa zikarhulumente ziyabuphucula ubomi babemi bo Mzantsi Afrika.
Olu phando luyangqina ukuba izinga lokufikelela kwiinkonzo ezifana namanzi, ukuthuthwa kwenkunkuma, izindlu kunye nemfundo yasimahla libonakalise ukukhula okuzingisileyo kancinci ngokuhamba kwexesha.
Inani labemi bo Mzantsi Afrika abanamanzi aphuma empompeni linyukile laya kuma-89,9% ngeli xesha inani lamakhaya anombane lona lime kuma-85% kowama-2013.
Inkqubo yezibonelelo zikarhulemente iyaqhuba ukuba lixhadi lokugqibela ukulwa indlala kwiintsapho naseluntwini ebeziza kuthwaxa yindlala nentswela-ngqesho ukuba ngaba bezingekho.
Inani labantu abaxhamlayo kwezi zibonelelo zikarhulumente linyukile ukusuka kwi-13,7% ngowama-2003 laya kutsho kuma-45,5% ngowama-2013.
IKhabinethi iliqaphele igqiza eliphezulu lo Mzantsi Afrika elikhokelwa ngu Mongameli uJacob Zuma elizimase iNgqungquthela ye Mbumba ye-Afrika yama-23 phantsi komxholo othi: “Ezo Limo noku Bakho koKutya e-Afrika”.
Le ngqungquthela iqhubeka ukusuka ngomhla wama-20 ukuya kowama-27 kweye Silimela kowama-2014 eMalabo kwi-Republic of Equitorial Guinea.
Njengenxalenye yelizwekazi, uMzantsi Afrika uza kuba usenza igalelo kwiingxoxo ezingophuhliso lwe-Afrika kwaye uza kusebenzisa le Ngqungquthelo ukuphucula iinkqubo zophuhliso zeli lizwe.
IKhabinethi iliqhwabela izandla iSebe lezo Bugcisa ne Nkcubeko kunye ne-Arente yo Phuhliso lo Lutsha yeSizwe ngokukhokela iinkqubo ze Nyanga yo Lutsha phantsi komxholo othi: “ Ulutsha Luqhubela uMzantsi Afrika Phambili”.
Njengoko siqhuba sibhiyozela iNyanga yo Lutsha, iKhabinethi iyazibethelela kwakhona iinkqubo zikarhulumente zokusebenzisana nabantu abatsha ukutshintsha ubomi babo nokoguqula eli lizwe.
Kule minyaka mihlanu idlulileyo nje yodwa, kwabekelwa bucala i-R2, 7 seebhiliyoni ukulungiselela iinkqubo zokuxhasa ngezimali amashishini olutsha, izibonelelo zemali yokufunda ziphindwe kabini zaza iinkqubo zabantwana abaselula zaphucula isigaba esisisiseko sabantwana abaselula.
La maphulo okungenelela urhulumente uza kuhlala egxile kuwo, njengoko sihlaba ikhwelo kulutsha ukuba lube ngamahlakani ethu ekuqhubeleni uMzantsi Afrika phambili.
Izigqibo ze Khabhinethi ezingundoqo
IKhabinethi yazisiwe ngenkqubela esiyenzileyo ekuqulunqeni uMgaqo-nkqubo woku Hlangabezana noku Tshintsha kweSimo seZulu we Sizwe: uHlalutyo loku Ngenelela kwi Futhe loMoya oNgcolileyo (i-GHG).
Le ngxelo ihlalutya indlela uMzantsi Afrika oqhuba ngayo kulawulo olululo lwempembelelo yokutshintsha kwesimo sezulu, ize inike neziphakamiso ngegalelo lo Mzantsi Afrika kumalinge wehlabathi okunciphisa uMoya oNgcolileyo omninzi kumoya osingqongieyo.
Ukongeza apho iKhabinethi ifumene ingxelo eseluyilo ngo Luhlu loMoya oNgcolileyo lwe Sizwe lo Mzantsi Afrika, lwesithuba esisuka kowama-2000 ukuya kowama-2010.
Oku kuhambelana nesivumelwano se Nkqubo-sikhokelo esi Manyeneyo seSizwe esingokutshintsha kweSimo seZulu esaphunyezwa ngu Mzantsi Afrika ngowe-1997.
Ngokwese Sivumelwano amazwe kufanele afake iingxelo ngenkqubela yawo rhoqo kumnyaka wesibini .
Le ngxelo ikhoyo iyiliweyo ikhutshelwe uluntu ukuba luhlomle.
Iza kugqityezelwa ukuze ilungelwe ukungeniswa ekupheleni kwalo nyaka.
IKhabinethi ikwamkele ukuvunywa kommandla ongumda omtsha weNdawo ya Magugu ye Hlabathi iMapungubwe yi Komiti ye Hlabathi ya Magugu ye-Unesco ebibambe iNtlanganiso yayo yama-38 eDoha, eQatar ukusuka ngomhla we-15 ukuya kowama-25 kweye Silimela ngowama-2014.
Lo mmandla ungumda omtsha usisiphumo senkqubo ende yokubonisana equka abanini-mhlaba, abameli boluntu, imibutho engekho phantsi kukarhulumente, iinkampani zemigodi kunye namabadlali-ndima ababalulekileyo abohlukahlukeneyo bakarhulumente.
Ukuphunyezwa kwalo mmandla ungumda omtsha yinto eyamkeleke kakhulu kumalinge oMzantsi Afrika okuphucula ulawulo nokhuselo lweendawo ezingama gugu zehlabathi ngeli xesha uvumela uphuhliso olunenkathalo noluzingileyo.
UMzantsi Afrika uza kusingatha ngokubambisana iNtlanganiso ye Qumrhu le Ntsebenziswano nabe Ntsebenziswano yoo Mama, ii Ntsana neMpilo ya Bantwana kwiZiko lee Ngqungquthela lase-Sandton, eGauteng, ukususela ngomhla wama-30 kweye Silimela ukuya kowokuqala kweye Khala yowama-2014.
Aba be Ntsebenziswano ngumbutho wehlabathi ozinze kuMbutho we Hlabathi weze Mpilo.
Ukusingatha le Ngqungquthela ngokubambisana kunika iqonga lokugxila kukubaluleka koku gxininisa kwimpilo yoomama, iintsana nabantwana eMzantsi Afrika nokuvuselela onke amacandelo oluntu ukuba afake isandla kweli phulo.
Ukukhutshwa kwe Ngxelo ye Hlabathi yoku Bala ngendlela ihlabathi eliqhuba ngayo ekufezekiseni ii Njongo zo Phuhliso ze Nkulungwane eye-4 neye 5 kwaye kuza kunceda ngokwenza nabo bathatha inxaxheba basuka kumacandelo ezempilo nangengawo awezempilo ukuba bakhe bajonge umgama osele uhanjiwe nokufundiweyo kolo hambo.
Kwakhona kuza kukhuthaza nemeko ethe chatha yokuphendula nokuthatha uxanduva ngokubhekisele koomama, iintsana ezisandula ukuzalwa, abantwana nabo bafikisayo, ibancede baliqonde ilungelo labo ngelona zinga lezempilo liphezulu kule minyaka yowama-2015 nangaphaya kwayo.
UMzantsi Afrika uza kube usingethe uKhuphiswano lwe Zibalo lwe Zizwe-ngezizwe (i-IMO).
Olu lukhuphiswano lokusombulula ingxaki olubanjwa minyaka le lokubala labafundi abakumabanga emfundo ephakamileyo, elibanjelwa kwilizwe elahlukileyo unyaka ngamnye.
Eli lithuba lokubonakalisa ukuba ilizwe lethu linawo amandla okusingatha imisitho ekumgangatho wehlabathi kwaye linika nethuba lokuhlengahlengisa iingcaphephe zezibalo zo Mzantsi Afrika.
Ngamazwe ali-109 ewonke asele ezibhalisele kolu Khuphiswano Olimpiki.
Izikhundla IKhabinethi ikuphumezile ukuqeshwa kwaba balandelayo:
UMnu GO Hollamby njengo Sekela Mlawuli-jikelele: EzeMali no Lawulo lwe Nkqubo yoku Thenga noku Thengisa kwiSebe le Micimbi yeze Khaya.
IBhodi ye Qumrhu loku Tyalwa kweMali ka Rhulumentea) UMnu Mcebisi Hubert Jonas, njengomlawuli ongekho kwisigqeba solawulo nokwangu Sihlalo (ngeli xesha engu Sekela Mphathiswa weze Zimali; kunye nob) Mnu Roshan Morar njengo Sekela-sihlalo (isithuba seminyaka emithathu).
IKomithi ekhethekileyo yo Mthetho wee Nkampani (isithuba esingekho ngaphezulu kweminyaka emihlanu)a) Ilungu elingene esikhundleni selinye, uGq.
Johannes Erasmus; kunyeb) Nelalela elinye, uNks, Juanita Steenkamp.
Imibuzo:Phumla Williams (ISithethi se Khabhinethi esili Bambela)Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139
Ukuba uceba ukungenisa kweli isithuthi esitsha okanye esisetyenzisiweyo, isithuthi esithutha impahla okanye esitsalwayo, esenziweyo okanye esilungiselelwe iimeko ezithile, kufuneka kuqala ufumane incwadi yokugunyazisa.
Kufuneka ube nencwadi yokugunyazisa nokuba isithuthi senziwe eMzantsi Afrika okanye kwilizwe langaphandle.
Iintlobo zezithuthi ekufuneka ube nencwadi yokuzigunyazisa zezi:
Zonke iimoto, nokuba zenziwe eMzantsi Afrika okanye zivela kumazwe aphesheya, kufuneka zithobele imiqathango emiselwe ngu Mthetho we Zithuthi ezise Ndleleni.
Abangenisa izithuthi kufuneka bafake ubungqina bokuthobela imi Gangatho ye Qumrhu lase Mzantsi Afrika.
Ngumntu esibhalwe ngaye isithuthi kuphela onokuzalisa uxwebhu.
Incwadi yakho yokugunyazisa kufuneka ibe seyilungile kwiintsuku ezine ukuya kwezintandathu.
Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.
Ukuba ufuna ukuqalisa umgodi kufuneka ufumane iphepha-mvume lokumba umgodi kwiSebe le Mithombo yezi Mbiwa (i-DMR).
Iphepha-mvume lokumba umgodi lixwebhu elikhutshwa yi-DMR elikuvumelayo ukuba uqalise umgodi.
Akekho umntu ovumelekileyo ukuba embe umgodi engenalo iphepha-mvume lokumba umgodi.
Amaphepha-mvume okumba umgodi akunikezelwana ngawo..
Iphepha-mvume lokumba umgodi lisebenza eli xesha ulisikwelweyo ngokwemaphepha-mvume, kodwa elo xesha alinakugqitha kwiminyaka emibini.
Lingahlaziwa kodwa ezinye izihlandlo ezithathu ezingekho ngaphezulu kunyaka isihlandlo ngasinye.
Iphepha-mvume lokomba umgodi linganikezelwa ukuba:
INkqubo ye-Intanethi yo Lawulo lwemi Thombo yezi Mbiwa yo Mzantsi Afrika iza kwazisa ngoko nangoko ukuba isicelo samkelwe (oku kuthetha ukuba isicelo sakho sinako konke okufunwayo).
Nxibelelana neSebe lemi Thombo yezi Mbiwa ukuze ufumane iinkcukacha ngemali ebhatalwayo.
Izicelo kufuneka zenziwekwi-intanethi.
IKhabhinethi iyamkele intetho ka Mongameli u-Cyril Ramaphosa kwi-UNGA yama-78 nebibanjelwe e-New York, e-United States of America ukusuka ngomhla we-18 ukuya kowama-26 kweyo Msintsi ngowama-2023.
Intetho ka Mongameli eyamkelwe ngokubanzi iphinde yaqinisekisa kwakhona isikhundla so Mzantsi Afrika ekukhuthazeni umdla, kunye nasekuthatheni inxaxheba okulinganayo kwaye okunentsingiselo kwelizwekazi i-Afrika kunye namazwe akwi-Global South jikelele kwi-UN kunye nakwezinye iiforam zamazwe ngamazwe.
Le ntetho ikwaphinde yaqinisekise ukuzinza ko Mzantsi Afrika ekuhlanganiseni inkxaso:
a) ukuzinikela ngokutsha kumanyano lwamazwe ngamazwe, olusekwe kwimithetho ecacileyo kwaye exhaswa ngamaziko asebenzayo.
b) uhlaziyo lwe Bhunga lezo Khuseleko le-UN (i-UNSC), ukunika intsingiselo kumthetho-siseko wokulingana kwezizwe ezizimeleyo kunye nokwenza ukuba i-UNSC iphendule ngempumelelo kwizinto ezenzekayo ngoku kwiipolitiki zelizwe.
c) izizwe ezityebileyo mazandise inkxaso mali ukuze kuphunyezwe i-Ajenda yama-2030 yo Phuhliso olu Zinzileyo kunye nokufezekisa iinjongo zabo zokutshintsha kwemozulu ngendlela ebanzi kwaye edibeneyo, kubandakanywa nesidingo sokusebenza ngokukhawuleza kwengxowa-mali i-Loss and Damage Fund yamazwe asemngciphekweni wokuhl...
UMongameli Ramaphosa ukuqinisekisile ukuzinikela ko Mzantsi Afrika ekuqhubekeni kujongana nokutshintsha kwemozulu kunye nokubeka eli lizwe njengenkokeli kumandla ahlaziyekayo, i-hydrogen eluhlaza kunye noshishino oluzinzileyo.
UMongameli Ramaphosa ukwathethe kwi Ngqungquthela eQhubela Phambili ukuThintela, ukuLungela kunye noku Sabela kuBhubhani, kwisikhundla sakhe sobu Ntshatsheli kuManyano lwama-Afrika ukuSabela kwiSifo se Ntsholongwana i-Corona (i-COVID-19).
Inkqubo yamazwe amabini yo Mzantsi Afrika esecaleni kwe-UNGA yama-78
Ecaleni kwe-UNGA yama-78, uMongameli Ramaphosa ukhokele igqiza likarhulumente elibambe iintlanganiso ezininzi zamazwe amabini ezijolise ekuqiniseni ubudlelwane kubuchule, kwezopolitiko, kwezozakuzo kunye nakurhwebo.
UMongameli udibene nogxa wakhe wase-Ukraine u-Volodymyr Zelensky ukuze baxoxe ngenkqubela phambili eyenziwayo kwi Nyathelo lwase-Afrika loXolo - olukhokelwa ngamanyathelo okwakha ukuzithemba kunye nolunye uphuhliso.
UMongameli Ramaphosa ukwadibene no:
Mongameli Recep Tayyip Erdoğan wase-Türkiye, malunga nokuqinisa ubudlelwane phakathi ko Mzantsi Afrika kunye ne-Turkey, kunye nokwazisa na ngamaphulo oxolo kungquzulwano oluphakathi kwe-Russia ne-Ukraine.
Uye wafumana ezihlaziyiweyo malunga nenyathelo lo Qoqosho lwa Mazwe ase Ntshona Afrika elikhokelwa lubhukuqo-mbuso e-Niger kunye neenzame ngokubanzi zokubuyisela ulawulo lwentando yesininzi e-Sahel.
Mongameli Emmerson Mnangagwa we Riphabhlikhi yase Zimbabwe, kumalinge karhulumente wase Zimbabwe okuhlanganisa ukwakhiwa ngokutsha kwela lizwe emva kolonyulo olunemvisiswano lwakutsha nje.
UMongameli Ramaphosa ukwathathe inxaxheba kwi Ngxoxo yo Shishino ngezo Rhwebo kunye no Tyalo-mali lwe Melika (i-US) no Mzantsi Afrika, equka iinkokeli zoshishino zase Mzantsi Afrika kunye nezase Melika.
Ngeenkampani ezingaphezu kwama-600 zase-US ezisebenza eMzantsi Afrika, olu thethathethwano lwalubalulekile ekuqiniseni ubudlelwane phakathi ko Mzantsi Afrika kunye ne-US.
Ngeli xesha, kwenziwa isaziso esisesikweni sokuba iForam yama-20 ye-US-Sub-Saharan Africa Trade and Economic Cooperation Forum, (iForam ye-AGOA) iza kubanjelwa eRhawutini ukusuka ngomhla wesi-2 ukuya kowesi-4 kweye Nkanga wama-2023.
Le foram iza kuphinda ibe nomboniso othi ‘Made in Africa Exhibition’ oza kubonisa amakhonkco ewonke eemveliso zommandla kwilizwekazi.
UMongameli Ramaphosa uphinde wangqina isibhengezo sentsebenziswano phakathi kwe-Novo Nordisk kunye ne-Aspen.
Le ntsebenziswano iza kubona ukuveliswa kweyeza leswekile (i-insulin) kwiziko le-Aspen eGqeberha, eMpuma Koloni.
Le ntsebenziswano ijolise ekuboneleleni ngamathamo eyeza leswekile angaphezulu kwe-16 lezigidi ngowama-2024, neza kunyuswa ngowama-2026.
Oku kuya kuphucula kakhulu ufikelelo kunyango lweswekile, kungapheleli nje eMzantsi Afrika, kodwa nakwilizwekazi liphela.
IKhabhinethi ikwamkele ukunikwa ko Mlawuli weza Mandla weSizwe wo Mzantsi Afrika izicelo zempepha-mvume zokurhweba kunye nokungenisa/ukuthumela ngaphandle kwi Nkampani yeSizwe yo Thumelo lweza Mandla yo Mzantsi Afrika, kuvulwa indlela yokuthengwa kwamandla kuwo wonke ummandla.
Ukusebenza kwakhona kwesi Khululo soMbane sase Kusile Yunithi yesi-4 kulungiso olucwangcisiweyo noluthe lwabuyisa iimegawathi ezingama-800 kuthungelwano lwethu lombane.
Esi siganeko singundoqo ekuphuculeni umthamo wokuvelisa uthungelwano lwesizwe kunye nasekukhawulelaneni namaxesha okucinywa kombane.
IKhabhinethi iphinde yachazelwa ngenkqubela yokubuyisela iYunithi yoku-1, yesi-2 kunye neyesi-3 kwi Sikhululo soMbane iKusile phambi kwexesha elimiselweyo.
IKhabhinethi yamkele izinga elizinzileyo lika-Eskom elenziwe yi-Moody’s Investors Service, nto leyo eza kuphucula ukufaneleka kwetyala leli ziko lombane lize likwazi ukucwangcisa kwangaphambili ukuphumeza ulungiso olucetyiweyo lwezithuthi zalo zokuvelisa.
IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi malunga namalinge okujongana nemingeni yamanzi nechaphazela iindawo ezininzi kwilizwe liphela.
UMphathiswa weza Manzi no Gutyulo, uMnu Senzo Mchunu kunye noosodolophu abalawulayo kwezinye zezixeko zase Rhawutini baza kubonelela ngohlaziyo longenelelo oluqhubekayo lokuzinzisa ukuhanjiswa kwamanzi kweli phondo.
IKhabhinethi inqwenela ukukhumbuza wonke umntu ukuba uMzantsi Afrika lilizwe elinqongophelelwe ngamanzi.
End of preview. Expand in Data Studio

SA-Monolingual-Corpora

Cleaned monolingual corpora for isiZulu, isiXhosa, Sesotho and Sepedi, drawn from South African government publications.

Produced for the doctoral thesis Injecting Commonsense Knowledge into Pretrained Language Models for Low Resource Languages (University of Cape Town, 2026). Code at https://github.com/sello-ralethe/SA-knowledge

Structure

One configuration per language, each with a single train split. Files are plain text, one sentence per line, UTF-8, deduplicated.

Loading

from datasets import load_dataset

zulu = load_dataset("sello-ralethe/SA-Monolingual-Corpora", "isizulu")
for row in zulu["train"]:
    print(row["text"])

Method

Encoding recovery for the Sotho-Tswana s-caron corruption, boilerplate removal, repair of words fused across inline link boundaries, and rule-based sentence segmentation.

Language identification runs at document level before sentence level. The Nguni languages share around 70% of their vocabulary, so a short sentence often cannot be assigned reliably while a whole page can. Sentences whose top label is a sibling of the verified document language are kept; only English blocks and out-of-family predictions are removed.

Licence

CC BY 4.0, subject to the terms of the originating government departments.

Downloads last month
-