Datasets:
translation (translation) |
---|
{
"xh": "Kwathi emva kokufa kukaSawule, uDavide ebuyile ekuwabulaleni ama-Amaleki, wahlala uDavide eTsikelage imihla emibini.",
"en": "It happened after the death of Saul, when David was returned from the slaughter of the Amalekites, and David had stayed two days in Ziklag;"
} |
{
"xh": "Kwathi ke ngomhla wesithathu, kwabonakala kuvela indoda emkhosini, kuSawule, zikrazukile iingubo zayo, inomhlaba entloko; kwathi ekuzeni kwayo kuDavide, yawa emhlabeni, yaqubuda.",
"en": "it happened on the third day, that behold, a man came out of the camp from Saul, with his clothes torn, and earth on his head: and so it was, when he came to David, that he fell to the earth, and showed respect."
} |
{
"xh": "Wathi uDavide kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, Ndisabe emkhosini wamaSirayeli.",
"en": "David said to him, \"Where do you come from?\" He said to him, \"I have escaped out of the camp of Israel.\""
} |
{
"xh": "Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Khawundixelele. Yathi, Hayi, babalekile abantu ekulweni; kananjalo kuwe into eninzi yabantu, yafa; kananjalo uSawule, noYonatan unyana wakhe, babulewe.",
"en": "David said to him, \"How did it go? Please tell me.\" He answered, \"The people have fled from the battle, and many of the people also have fallen and are dead; and Saul and Jonathan his son are dead also.\""
} |
{
"xh": "Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Wazi ngani na, ukuba uSawule ufile, noYonatan unyana wakhe?",
"en": "David said to the young man who told him, \"How do you know that Saul and Jonathan his son are dead?\""
} |
{
"xh": "Yathi indodana ebimxelela, Kuthe ukuthi gaxa kwam, ndafika ezintabeni zaseGilibhowa; nanku uSawule ayame ngentshuntshe yakhe; nabo abeenqwelo zokulwa nabamahashe bethene mbende naye.",
"en": "The young man who told him said, \"As I happened by chance on Mount Gilboa, behold, Saul was leaning on his spear; and behold, the chariots and the horsemen followed hard after him."
} |
{
"xh": "Uthe akubheka, wandibona, wandibiza; ndathi, Sendikho.",
"en": "When he looked behind him, he saw me, and called to me. I answered, 'Here I am.'"
} |
{
"xh": "Wathi kum, Ungubani na? Ndathi kuye, NdingumAmaleki.",
"en": "He said to me, 'Who are you?' I answered him, 'I am an Amalekite.'"
} |
{
"xh": "Wathi kum, Khawume phezu kwam, undibulale, ngokuba ndiphelelwe; kuba andikafi kanye.",
"en": "He said to me, 'Please stand beside me, and kill me; for anguish has taken hold of me, because my life is yet whole in me.'"
} |
{
"xh": "Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe; ndizise zona apha kwinkosi yam.",
"en": "So I stood beside him, and killed him, because I was sure that he could not live after that he had fallen. I took the crown that was on his head, and the bracelet that was on his arm, and have brought them here to my lord.\""
} |
{
"xh": "Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo;",
"en": "Then David took hold on his clothes, and tore them; and likewise all the men who were with him."
} |
{
"xh": "bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.",
"en": "They mourned, and wept, and fasted until evening, for Saul, and for Jonathan his son, and for the people of Yahweh, and for the house of Israel; because they were fallen by the sword."
} |
{
"xh": "Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki.",
"en": "David said to the young man who told him, \"Where are you from?\" He answered, \"I am the son of a foreigner, an Amalekite.\""
} |
{
"xh": "Wathi uDavide kuyo, Utheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova?",
"en": "David said to him, \"How were you not afraid to put forth your hand to destroy Yahweh's anointed?\""
} |
{
"xh": "UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa.",
"en": "David called one of the young men, and said, \"Go near, and fall on him.\" He struck him, so that he died."
} |
{
"xh": "Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho ulingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova.",
"en": "David said to him, \"Your blood be on your head; for your mouth has testified against you, saying, 'I have slain Yahweh's anointed.'\""
} |
{
"xh": "Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe,",
"en": "David lamented with this lamentation over Saul and over Jonathan his son"
} |
{
"xh": "wathi mabayifundiswe oonyana bakaYuda ingoma leyo yesaphetha; nantso ibhaliwe encwadini yOthe Tye.",
"en": "(and he commanded them to teach the children of Judah the song of the bow: behold, it is written in the book of Jashar):"
} |
{
"xh": "Imbalarha, Sirayeli, ibulewe emimangweni yakho! Hayi, ukuwa kwamagorha! Musani ukuxela eGati;",
"en": "\"Your glory, Israel, is slain on your high places! How the mighty have fallen!"
} |
{
"xh": "Musani ukwenza zindaba ezitratweni zeAshkelon, Hleze zivuye iintombi zamaFilisti, Hleze zivuyelele iintombi zabangalukileyo.",
"en": "Don't tell it in Gath. Don't publish it in the streets of Ashkelon, lest the daughters of the Philistines rejoice, lest the daughters of the uncircumcised triumph."
} |
{
"xh": "Nina zintaba zaseGilibhowa, Makungaze kubekho mbethe, makungaze kubekho mvula kuni, namasimi emirhumo; Ngokuba khona kwangcola iingweletshetshe zamagorha, Ingweletshetshe kaSawule, wanga waye engathanjiswanga ngeoli.",
"en": "You mountains of Gilboa, let there be no dew nor rain on you, neither fields of offerings; For there the shield of the mighty was vilely cast away, The shield of Saul was not anointed with oil."
} |
{
"xh": "Egazini labahlatyiweyo, emanqatheni amagorha, Isaphetha sikaYonatan besingabuyi umva, Ikrele likaSawule belingabuyi lilambatha.",
"en": "From the blood of the slain, from the fat of the mighty, Jonathan's bow didn't turn back. Saul's sword didn't return empty."
} |
{
"xh": "USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi, Nasekufeni kwabo abahlukananga. Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga, Babenamandla ngaphezu kweengonyama.",
"en": "Saul and Jonathan were lovely and pleasant in their lives. In their death, they were not divided. They were swifter than eagles. They were stronger than lions."
} |
{
"xh": "Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule, Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa; Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu.",
"en": "You daughters of Israel, weep over Saul, who clothed you in scarlet delicately, who put ornaments of gold on your clothing."
} |
{
"xh": "Hayi, ukuwa kwamagorha phakathi kwemfazwe! UYonatan ubulawelwe emimangweni yakho",
"en": "How are the mighty fallen in the midst of the battle! Jonathan is slain on your high places."
} |
{
"xh": "Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan; Ubumnandi kakhulu kum; Kubalukekile ukundithanda kwakho Ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.",
"en": "I am distressed for you, my brother Jonathan. You have been very pleasant to me. Your love to me was wonderful, passing the love of women."
} |
{
"xh": "Hayi, ukuwa kwamagorha! Adakile amadoda okulwa!",
"en": "How are the mighty fallen, and the weapons of war perished!\""
} |
{
"xh": "Kwathi emveni koko, wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndinyuke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Nyuka. Wathi uDavide, Ndinyuke ndiye phi na? Wathi yena, EHebron.",
"en": "It happened after this, that David inquired of Yahweh, saying, \"Shall I go up into any of the cities of Judah?\" Yahweh said to him, \"Go up.\" David said, \"Where shall I go up?\" He said, \"To Hebron.\""
} |
{
"xh": "Wenyuka ke waya khona uDavide, nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.",
"en": "So David went up there, and his two wives also, Ahinoam the Jezreelitess, and Abigail the wife of Nabal the Carmelite."
} |
{
"xh": "Namadoda akhe abenawo wawanyusa uDavide, yayileyo nendlu yayo, ahlala emizini yaseHebron.",
"en": "David brought up his men who were with him, every man with his household. They lived in the cities of Hebron."
} |
{
"xh": "Eza amadoda akwaYuda, amthambisa khona apho uDavide ukuba abe ngukumkani kwindlu yakwaYuda. Kwaxelwa kuDavide, kusithiwa, Amadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, ngawo awamngcwabayo uSawule.",
"en": "The men of Judah came, and there they anointed David king over the house of Judah. They told David, saying, \"The men of Jabesh Gilead were those who buried Saul.\""
} |
{
"xh": "UDavide wathumela ke abathunywa kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, wathi kuwo, Manisikelelwe nguYehova nina, nayenzelayo inkosi yenu uSawule loo nceba, nayingcwaba.",
"en": "David sent messengers to the men of Jabesh Gilead, and said to them, \"Blessed are you by Yahweh, that you have shown this kindness to your lord, even to Saul, and have buried him."
} |
{
"xh": "Ngoko uYehova makanenzele inceba nenyaniso; nam ndiya kunenzela oko kulungileyo, ngokuba nayenzayo loo nto.",
"en": "Now may Yahweh show loving kindness and truth to you. I also will reward you for this kindness, because you have done this thing."
} |
{
"xh": "Ke kaloku mazomelele izandla zenu, nibe ngamadoda anobukroti; ngokuba ifile inkosi yenu uSawule. Kananjalo indithambisile indlu yakwaYuda ukuba ndibe ngukumkani wayo.",
"en": "Now therefore let your hands be strong, and be valiant; for Saul your lord is dead, and also the house of Judah have anointed me king over them.\""
} |
{
"xh": "Ke kaloku uAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi obungokaSawule, ebethabathe uIshbhoshete, unyana kaSawule, wamwezela eMahanayim,",
"en": "Now Abner the son of Ner, captain of Saul's army, had taken Ishbosheth the son of Saul, and brought him over to Mahanaim;"
} |
{
"xh": "wamenza ukumkani eGiliyadi, nakuma-Askure, naseYizereli, nakwaEfrayim, nakwaBhenjamin, nakumaSirayeli onke.",
"en": "and he made him king over Gilead, and over the Ashurites, and over Jezreel, and over Ephraim, and over Benjamin, and over all Israel."
} |
{
"xh": "UIshbhoshete, unyana kaSawule, ebeminyaka imashumi mane ezelwe, ekwenziweni kwakhe ukumkani kumaSirayeli, wangukumkani iminyaka emibini. Kodwa indlu yakwaYuda yalandela uDavide.",
"en": "Ishbosheth, Saul's son, was forty years old when he began to reign over Israel, and he reigned two years. But the house of Judah followed David."
} |
{
"xh": "Inani lemihla uDavide abengukumkani kwindlu yakwaYuda eHebron, libe liyiminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.",
"en": "The time that David was king in Hebron over the house of Judah was seven years and six months."
} |
{
"xh": "Waphuma uAbhinere unyana kaNere, nabakhonzi bakaIshbhoshete, unyana kaSawule, eMahanayim, baya eGibheyon.",
"en": "Abner the son of Ner, and the servants of Ishbosheth the son of Saul, went out from Mahanaim to Gibeon."
} |
{
"xh": "Baphuma uYowabhi unyana kaTseruya, nabakhonzi bakaDavide, baqubisana nabo echibini laseGibheyon. Bahlala aba echibini ngapha, bahlala abaya echibini ngaphaya.",
"en": "Joab the son of Zeruiah, and the servants of David, went out, and met them by the pool of Gibeon; and they sat down, the one on the one side of the pool, and the other on the other side of the pool."
} |
{
"xh": "Wathi uAbhinere kuYowabhi, Amadodana makakhe asuke adlale phambi kwethu. Wathi uYowabhi, Makasuke.",
"en": "Abner said to Joab, \"Please let the young men arise and play before us!\" Joab said, \"Let them arise!\""
} |
{
"xh": "Kwesuka kwawela amanani: ishumi elinamabini lakwaBhenjamin, lakwaIshbhoshete unyana kaSawule, neshumi elinamabini kubakhonzi bakaDavide.",
"en": "Then they arose and went over by number: twelve for Benjamin, and for Ishbosheth the son of Saul, and twelve of the servants of David."
} |
{
"xh": "Yaba ngulowo wabamba ummelwane wakhe ngentloko, nekrele lakhe lela ecaleni lowabo; bawa kunye ndaweni-nye. Kwathiwa ke le ndawo yiHelekati-hatsurim eseGibheyon.",
"en": "They each caught his opponent by the head, and thrust his sword in his fellow's side; so they fell down together: therefore that place was called Helkath Hazzurim, which is in Gibeon."
} |
{
"xh": "Kwaliwa kakhulu ngaloo mini. Wagxothwa uAbhinere namadoda akwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide.",
"en": "The battle was very severe that day: and Abner was beaten, and the men of Israel, before the servants of David."
} |
{
"xh": "Babelapho bobathathu oonyana bakaTseruya: uYowabhi, noAbhishayi, noAsaheli. Ke uAsaheli waye enamendu, enjengebhadi lasendle.",
"en": "The three sons of Zeruiah were there, Joab, and Abishai, and Asahel: and Asahel was as light of foot as a wild gazelle."
} |
{
"xh": "UAsaheli wamsukela uAbhinere; akathi gu bucala aye ngasekunene nangasekhohlo emva koAbhinere.",
"en": "Asahel pursued after Abner; and in going he didn't turn to the right hand nor to the left from following Abner."
} |
{
"xh": "Wabheka uAbhinere, wathi, UnguAsaheli na? Wathi yena, Ndinguye.",
"en": "Then Abner looked behind him, and said, \"Is it you, Asahel?\" He answered, \"It is I.\""
} |
{
"xh": "Wathi uAbhinere kuye, Tyekela ngasekunene kwakho, nokuba kungasekhohlo kwakho, ubambe enye kumadodana, uzithabathele isikrweqe sayo.",
"en": "Abner said to him, \"Turn aside to your right hand or to your left, and grab one of the young men, and take his armor.\" But Asahel would not turn aside from following him."
} |
{
"xh": "Ke uAsaheli akavuma ukutyeka ekumlandeleni. Wabuya waphinda wathi uAbhinere kuAsaheli, Tyeka ekundilandeleni; yini na ukuba ndide ndikubethe, uwe emhlabeni? Ndothini na ukubuphakamisa ubuso bam kuYowabhi, umkhuluwa wakho? Akavuma ukutyeka.",
"en": "Abner said again to Asahel, \"Turn aside from following me. Why should I strike you to the ground? How then should I hold up my face to Joab your brother?\""
} |
{
"xh": "UAbhinere wamtsho ngoluthi lwentshuntshe esiswini; yaya kuphuma intshuntshe ngasemva. Wawa khona, wafela kuloo ndawo. Bathi bonke abafika kuloo ndawo wawa wafela kuyo uAsaheli, bee nqumama.",
"en": "However he refused to turn aside. Therefore Abner with the back end of the spear struck him in the body, so that the spear came out behind him; and he fell down there, and died in the same place. It happened, that as many as came to the place where Asahel fell down and died stood still."
} |
{
"xh": "OoYowabhi noAbhishayi bamsukela bamlandela uAbhinere, lada latshona ilanga; bada bafika edulini yeAma, ekhangelene neGiya, endleleni yentlango yeGibheyon.",
"en": "But Joab and Abishai pursued after Abner: and the sun went down when they had come to the hill of Ammah, that lies before Giah by the way of the wilderness of Gibeon."
} |
{
"xh": "Bahlanganisana oonyana bakaBhenjamin, bamlandela uAbhinere, bambumba-nye, bema encotsheni yanduli-nye.",
"en": "The children of Benjamin gathered themselves together after Abner, and became one band, and stood on the top of a hill."
} |
{
"xh": "Wamemeza uAbhinere kuYowabhi, wathi, Liya kumana ukudla na ikrele? Akwazi na ukuba kuya kuba krakra kamva? Kuya kuba mzuzu ungakanani na ungabaxeleli abantu, babuye ekusukeleni abazalwana babo?",
"en": "Then Abner called to Joab, and said, \"Shall the sword devour forever? Don't you know that it will be bitterness in the latter end? How long shall it be then, before you ask the people to return from following their brothers?\""
} |
{
"xh": "Wathi uYowabhi, Ehleli nje uYehova, ukuba bekungathelekiswanga nguwe, inene, ngebenyuswe bemka kwangokuya kwakusasa abantu, elowo akamsukela umzalwana wakhe.",
"en": "Joab said, \"As God lives, if you had not spoken, surely then in the morning the people would have gone away, and not each followed his brother.\""
} |
{
"xh": "UYowabhi wavuthela isigodlo; bema bonke abantu, ababa sawasukela amaSirayeli, ababa saphinda balwe.",
"en": "So Joab blew the trumpet; and all the people stood still, and pursued after Israel no more, neither fought they any more."
} |
{
"xh": "UAbhinere namadoda akhe bahamba eArabha bonke obo busuku. Bayiwela iYordan, bayihamba yonke iBhitron, beza eMahanayim.",
"en": "Abner and his men went all that night through the Arabah; and they passed over the Jordan, and went through all Bithron, and came to Mahanaim."
} |
{
"xh": "Wabuya ke uYowabhi ekumsukeleni uAbhinere; wabahlanganisa abantu bonke, kwasweleka kubakhonzi bakaDavide ishumi elinesithoba lamadoda, noAsaheli.",
"en": "Joab returned from following Abner: and when he had gathered all the people together, there lacked of David's servants nineteen men and Asahel."
} |
{
"xh": "Ke abakhonzi bakaDavide babebulele, kumaBhenjamin nakuma doda akwa-Abhinere, amakhulu amathathu anamanci amathandathu amadoda, afa.",
"en": "But the servants of David had struck of Benjamin, and of Abner's men, so that three hundred sixty men died."
} |
{
"xh": "Bamthabatha uAsaheli, bamngcwaba engcwabeni likayise eliseBhetelehem. Bahamba ke ubusuku bonke uYowabhi namadoda akhe, kwasa beseHebron.",
"en": "They took up Asahel, and buried him in the tomb of his father, which was in Bethlehem. Joab and his men went all night, and the day broke on them at Hebron."
} |
{
"xh": "Ke kaloku yoluka imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide. UDavide waya esomelela ngokomelela; indlu kaSawule yaya incipha ngokuncipha.",
"en": "Now there was long war between the house of Saul and the house of David: and David grew stronger and stronger, but the house of Saul grew weaker and weaker."
} |
{
"xh": "UDavide wazalelwa oonyana eHebron: owamazibulo waba nguAmnon ngoAhinowam waseYizereli;",
"en": "To David were sons born in Hebron: and his firstborn was Amnon, of Ahinoam the Jezreelitess;"
} |
{
"xh": "owesibini wabanguKiliyabhi ngoAbhigali, umkaNabhali waseKarmele; owesithathu waba nguAbhisalom, unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri;",
"en": "and his second, Chileab, of Abigail the wife of Nabal the Carmelite; and the third, Absalom the son of Maacah the daughter of Talmai king of Geshur;"
} |
{
"xh": "owesine waba nguAdoniya, unyana kaHagiti; owesihlanu waba nguShefatiya, unyana ka-Abhitali;",
"en": "and the fourth, Adonijah the son of Haggith; and the fifth, Shephatiah the son of Abital;"
} |
{
"xh": "owesithandathu waba nguItram, ngoEgla, umkaDavide. Wabazalelwa abo uDavide eHebron.",
"en": "and the sixth, Ithream, of Eglah, David's wife. These were born to David in Hebron."
} |
{
"xh": "Kwathi, kwakubon ukuba kukho imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide, uAbhinere wamana ukuzomelezela indlu kaSawule.",
"en": "It happened, while there was war between the house of Saul and the house of David, that Abner made himself strong in the house of Saul."
} |
{
"xh": "Ke uSawule ebeneshweshwe eligama linguRitspa, intombi ka-Aya; wathi ke uIshbhoshete kuAbhinere, Yini na ukuba ulingene ishweshwe likabawo?",
"en": "Now Saul had a concubine, whose name was Rizpah, the daughter of Aiah: and Ishbosheth said to Abner, \"Why have you gone in to my father's concubine?\""
} |
{
"xh": "Wavutha kakhulu ngumsindo uAbhinere ngamazwi kaIshbhoshete, wathi, Ndiyintloko yenja elunge kwaYuda yini na? Namhla ndiyenzela inceba indlu kaSawule uyihlo, kubazalwana bakhe, nakubahlobo bakhe; andikuyekelanga esandleni sikaDavide; kanti ke undivelele ngobugwenxa endibenze kule nkazana namhla.",
"en": "Then was Abner very angry for the words of Ishbosheth, and said, \"Am I a dog's head that belongs to Judah? Today I show kindness to the house of Saul your father, to his brothers, and to his friends, and have not delivered you into the hand of David; and yet you charge me this day with a fault concerning this woman!"
} |
{
"xh": "UThixo makenjenje kuAbhinere, aqokele ukwenjenje; njengoko uYehova wamfungelayo uDavide, ndiya kwenjenjalo kuye:",
"en": "God do so to Abner, and more also, if, as Yahweh has sworn to David, I don't do even so to him;"
} |
{
"xh": "ukubugqithisa ubukumkani endlwini kaSawule, kumiswe itrone kaDavide kwaSirayeli nakwaYuda, kuthabathele kwaDan kuse eBher-shebha.",
"en": "to transfer the kingdom from the house of Saul, and to set up the throne of David over Israel and over Judah, from Dan even to Beersheba.\""
} |
{
"xh": "Akaba saba nako ukumphendula nezwi uAbhinere ngokumoyika.",
"en": "He could not answer Abner another word, because he feared him."
} |
{
"xh": "Wesusa esikhundleni sakhe uAbhinere abathunywa, baya kuDavide; esithi, Lelikabani na ilizwe? esithi, Yenza umnqophiso wakho nam; uyabona, isandla sam sinawe, ukuba aguqulelwe kuwe amaSirayeli onke.",
"en": "Abner sent messengers to David on his behalf, saying, \"Whose is the land?\" and saying, \"Make your alliance with me, and behold, my hand shall be with you, to bring all Israel around to you.\""
} |
{
"xh": "Wathi, Kulungile, ndowenza nawe umnqophiso. Kodwa kukho nto-nye ndiyifunayo kuwe; yile: akuyi kububona ubuso bam, ungamzisanga uMikali intombi kaSawule, wakuza kububona ubuso bam.",
"en": "He said, \"Good; I will make a treaty with you; but one thing I require of you. That is, you shall not see my face, unless you first bring Michal, Saul's daughter, when you come to see my face.\""
} |
{
"xh": "UDavide wesusa abathunywa, baya kuIshbhoshete unyana kaSawule, esithi, Ndinike umkam uMikali, endamgana ngekhulu leenyama zokwaluswa zamaFilisti.",
"en": "David sent messengers to Ishbosheth, Saul's son, saying, \"Deliver me my wife Michal, whom I pledged to be married to me for one hundred foreskins of the Philistines.\""
} |
{
"xh": "Wathumela uIshbhoshete, wamthabatha kwindoda yakhe, kuPaltiyeli unyana kaLayishe.",
"en": "Ishbosheth sent, and took her from her husband, even from Paltiel the son of Laish."
} |
{
"xh": "Yahamba naye ke indoda yakhe, imana ilila emva kwakhe, kwada kwezisa eBhahurim. Wathi uAbhinere kuyo, Hamba ubuye. Yabuya.",
"en": "Her husband went with her, weeping as he went, and followed her to Bahurim. Then Abner said to him, \"Go! Return!\" and he returned."
} |
{
"xh": "Ke kaloku uAbhinere wayenelizwi kumadoda amakhulu akwaSirayeli, elithi, Kwangaphambili nibe nimfuna uDavide, ukuba abe ngukumkani kuni:",
"en": "Abner had communication with the elders of Israel, saying, \"In times past, you sought for David to be king over you."
} |
{
"xh": "yenzani kaloku, ngokuba uYehova utshilo kuDavide, ukuthi, Ndiya kubasindisa ngesandla sikaDavide, umkhonzi wam, abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti, nasesandleni seentshaba zabo zonke.",
"en": "Now then do it; for Yahweh has spoken of David, saying, 'By the hand of my servant David, I will save my people Israel out of the hand of the Philistines, and out of the hand of all their enemies.'\""
} |
{
"xh": "Kananjalo uAbhinere ebethethile ezindlebeni zamaBhenjamin; kanjalo uAbhinere waya kuthetha ezindlebeni zikaDavide eHebron konke okulungileyo phambi kwamaSirayeli, naphambi kwendlu yonke yakwaBhenjamin.",
"en": "Abner also spoke in the ears of Benjamin: and Abner went also to speak in the ears of David in Hebron all that seemed good to Israel, and to the whole house of Benjamin."
} |
{
"xh": "Waya ke uAbhinere kuDavide eHebron, enamashumi amabini amadoda. UDavide wamenzela ke isidlo uAbhinere namadoda akhe abenawo.",
"en": "So Abner came to David to Hebron, and twenty men with him. David made Abner and the men who were with him a feast."
} |
{
"xh": "Wathi uAbhinere kuDavide, Ndiya kusuka ndiwahlanganisele enkosini yam ukumkani onke amaSirayeli, enze umnqophiso nawe, ube ngukumkani entweni yonke oyinqwenelayo umphefumlo wakho. UDavide wamndulula uAbhinere; wahamba exolile.",
"en": "Abner said to David, \"I will arise and go, and will gather all Israel to my lord the king, that they may make a covenant with you, and that you may reign over all that your soul desires.\" David sent Abner away; and he went in peace."
} |
{
"xh": "Kwabonakala abakhonzi bakaDavide benoYowabhi, bevela emsebenzini wokututa, besiza namaxhoba amaninzi. Ke uAbhinere ebengasekhona kuDavide eHebron, ngokuba ubemndulule, wahamba exolile.",
"en": "Behold, the servants of David and Joab came from a foray, and brought in a great spoil with them: but Abner was not with David in Hebron; for he had sent him away, and he was gone in peace."
} |
{
"xh": "Bafika ooYowabhi nomkhosi wonke anawo. Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, UAbhinere unyana kaNere ubezile kukumkani, wamndulula, wahamba exolile.",
"en": "When Joab and all the army who was with him had come, they told Joab, saying, Abner the son of Ner came to the king, and he has sent him away, and he is gone in peace."
} |
{
"xh": "Waya uYowabhi kukumkani, wathi, Yintoni na le uyenzileyo? Uyabona, ubezile uAbhinere kuwe; yintoni na le nto umndululeyo, wahamba wemka?",
"en": "Then Joab came to the king, and said, \"What have you done? Behold, Abner came to you. Why is it that you have sent him away, and he is quite gone?"
} |
{
"xh": "Uyamazi uAbhinere unyana kaNere, ukuba ubeze kukuthomalalisa, ukuze akwazi ukuphuma kwakho nokungena kwakho, akwazi konke okwenzayo.",
"en": "You know Abner the son of Ner, that he came to deceive you, and to know your going out and your coming in, and to know all that you do.\""
} |
{
"xh": "Waphuma uYowabhi kuDavide, wathuma abathunywa; balandela uAbhinere, bambuyisa equleni laseSira, uDavide engazi.",
"en": "When Joab had come out from David, he sent messengers after Abner, and they brought him back from the well of Sirah; but David didn't know it."
} |
{
"xh": "Wabuya ke uAbhinere weza eHebron. UYowabhi wamthabathela bucala phakathi kwesango, ukuba athethe naye ngasese. Wamgwaza esiswini, wafa, ngenxa yegazi lika-Asaheli umninawa wakhe.",
"en": "When Abner was returned to Hebron, Joab took him aside into the midst of the gate to speak with him quietly, and struck him there in the body, so that he died, for the blood of Asahel his brother."
} |
{
"xh": "Weva uDavide emveni kokuba kunjalo, wathi, Ndimsulwa nobukumkani bam phambi koYehova, kude kuse ephakadeni, ngamagazi ka-Abhinere unyana kaNere;",
"en": "Afterward, when David heard it, he said, \"I and my kingdom are guiltless before Yahweh forever of the blood of Abner the son of Ner."
} |
{
"xh": "makabe phezu kwentloko kaYowabhi, naphezu kwendlu yonke kayise; makanganqunyulwa angabikho endlwini kaYowabhi umntu obhobhozayo, oneqhenqa, osimelela ngentonga, owa ngekrele, oswele ukudla.",
"en": "Let it fall on the head of Joab, and on all his father's house. Let there not fail from the house of Joab one who has an issue, or who is a leper, or who leans on a staff, or who falls by the sword, or who lacks bread.\""
} |
{
"xh": "UYowabhi noAbhishayi umninawa wakhe bambulala ke uAbhinere, ngenxa enokuba ebembulele uAsaheli umninawa wabo eGibheyon emfazweni.",
"en": "So Joab and Abishai his brother killed Abner, because he had killed their brother Asahel at Gibeon in the battle."
} |
{
"xh": "Wathi uDavide kuYowabhi nakubantu bonke anabo, Krazulani iingubo zenu, nibhinqe ezirhwexayo, nimmbambazelele uAbhinere. UDavide ukumkani walilandela ithala.",
"en": "David said to Joab, and to all the people who were with him, Tear your clothes, and clothe yourselves with sackcloth, and mourn before Abner. King David followed the bier."
} |
{
"xh": "Bamngcwabela eHebron uAbhinere. Waliphakamisa ukumkani ilizwi lakhe, walila engcwabeni lika-Abhinere. Balila abantu bonke.",
"en": "They buried Abner in Hebron: and the king lifted up his voice, and wept at the grave of Abner; and all the people wept."
} |
{
"xh": "Ukumkani wamenzela isimbonono uAbhinere, wathi, Angafa ngokufa kwesidenge na uAbhinere?",
"en": "The king lamented for Abner, and said, \"Should Abner die as a fool dies?"
} |
{
"xh": "Izandla zakho bezingakhonkxwanga, iinyawo zakho bezingafakwanga amakhamandela obhedu, Uwe njengowa phambi kwamabhedengu. Baphinda bonke abantu bamlilela.",
"en": "Your hands were not bound, nor your feet put into fetters. As a man falls before the children of iniquity, so you fell.\" All the people wept again over him."
} |
{
"xh": "Bonke abantu beza kumdlisa uDavide isonka, kusesemini. Wafunga uDavide, esithi. UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndeva isonka, nokuba yinto eyiyimbi.",
"en": "All the people came to cause David to eat bread while it was yet day; but David swore, saying, \"God do so to me, and more also, if I taste bread, or anything else, until the sun goes down.\""
} |
{
"xh": "Bakugqala oko bonke abantu, kwalunga emehlweni abo; njengokuba konke abekwenza ukumkani bekulunga emehlweni abantu bonke.",
"en": "All the people took notice of it, and it pleased them; as whatever the king did pleased all the people."
} |
{
"xh": "Bazi ke abantu bonke namaSirayeli onke ngaloo mini, ukuba ukubulawa kuka-Abhinere, unyana kaNere, bekungaphume kukumkani.",
"en": "So all the people and all Israel understood that day that it was not of the king to kill Abner the son of Ner."
} |
{
"xh": "Wathi ukumkani kubakhonzi bakhe, Anazi na, ukuba namhlanje kuwe umthetheli, umntu omkhulu kwaSirayeli?",
"en": "The king said to his servants, \"Don't you know that there a prince and a great man has fallen this day in Israel?"
} |
{
"xh": "Ke ndisebuthathaka, ndisathanjiswa namhla ukuba ndibe ngukumkani; la madoda, oonyana bakaTseruya, alukhuni kum. Akwaba uYehova angambuyekeza umenzi wobubi kwangobubi bakhe.",
"en": "I am this day weak, though anointed king; and these men the sons of Zeruiah are too hard for me. May Yahweh reward the evildoer according to his wickedness.\""
} |
{
"xh": "Weva unyana kaSawule ukuba ufile uAbhinere eHebron, zawa izandla zakhe. Onke amaSirayeli akhwankqiswa yiloo nto.",
"en": "When Saul's son heard that Abner was dead in Hebron, his hands became feeble, and all the Israelites were troubled."
} |
{
"xh": "Unyana kaSawule ubenamadoda amabini angabathetheli bemikhosi. Igama lenye lalinguBhahana, igama leyesibini lalinguRekabhi; bengoonyana bakaRimon waseBheroti, kubo oonyana bakaBhenjamin. Ngokuba neBheroti ibibalelwa kwaBhenjamin:",
"en": "Saul's son had two men who were captains of bands: the name of the one was Baanah, and the name of the other Rechab, the sons of Rimmon the Beerothite, of the children of Benjamin (for Beeroth also is reckoned to Benjamin:"
} |
Dataset Card for [opus_memat]
Dataset Summary
Xhosa-English parallel corpora, funded by EPSRC, the Medical Machine Translation project worked on machine translation between ixiXhosa and English, with a focus on the medical domain.
Supported Tasks and Leaderboards
The underlying task is machine translation from Xhosa to English
Languages
[More Information Needed]
Dataset Structure
Data Instances
[More Information Needed]
Data Fields
[More Information Needed]
Data Splits
[More Information Needed]
Dataset Creation
Curation Rationale
[More Information Needed]
Source Data
Initial Data Collection and Normalization
[More Information Needed]
Who are the source language producers?
[More Information Needed]
Annotations
Annotation process
[More Information Needed]
Who are the annotators?
[More Information Needed]
Personal and Sensitive Information
[More Information Needed]
Considerations for Using the Data
Social Impact of Dataset
[More Information Needed]
Discussion of Biases
[More Information Needed]
Other Known Limitations
[More Information Needed]
Additional Information
Dataset Curators
[More Information Needed]
Licensing Information
[More Information Needed]
Citation Information
J. Tiedemann, 2012, Parallel Data, Tools and Interfaces in OPUS. In Proceedings of the 8th International Conference on Language Resources and Evaluation (LREC 2012)
Contributions
Thanks to @spatil6 for adding this dataset.
- Downloads last month
- 189