translation
translation
{ "en": "but if you return to the city, and tell Absalom, 'I will be your servant, O king. As I have been your father's servant in time past, so will I now be your servant; then will you defeat for me the counsel of Ahithophel.'", "xh": "ke ukuba uthe wabuyela kuwo umzi, wathi kuAbhisalom, Ndoba ngumkhonzi wakho, kumkani; ndibe ndifudula ndingumkhonzi kayihlo, ngoko ndingumkhonzi wakho: wonditshitshisela ke icebo lika-Ahitofele." }
{ "en": "Don't you have Zadok and Abiathar the priests there with you? Therefore it shall be, that whatever thing you shall hear out of the king's house, you shall tell it to Zadok and Abiathar the priests.", "xh": "Abanawe na apho uTsadoki noAbhiyatare ababingeleli? Kothi ke, yonke into othe wayiva endlwini yokumkani, uyixele kuTsadoki noAbhiyatare ababingeleli." }
{ "en": "Behold, they have there with them their two sons, Ahimaaz, Zadok's son, and Jonathan, Abiathar's son; and by them you shall send to me everything that you shall hear.\"", "xh": "Yabona, bakho khona nabo oonyana babo bobabini, uAhimahatse okaTsadoki, noYonatan oka-Abhiyatare; nolithumela ngesandla sabo kum lonke ilizwi enithe naliva." }
{ "en": "So Hushai, David's friend, came into the city; and Absalom came into Jerusalem.", "xh": "Waya ke uHushayi, umhlobo kaDavide, kuwo umzi; uAbhisalom weza eYerusalem." }
{ "en": "When David was a little past the top, behold, Ziba the servant of Mephibosheth met him, with a couple of donkeys saddled, and on them two hundred loaves of bread, and one hundred clusters of raisins, and one hundred summer fruits, and a bottle of wine.", "xh": "UDavide egqithile kancinane encotsheni yenduli, nanko uTsibha, umfana wakwaMefibhoshete, emkha wulela, enamaesile amabini ebotshiwe, ebekwe izonka ezimakhulu mabini, nekhulu lezicumba zeerasintyisi, nekhulu leziqhamo zasehlotyeni, nentsuba yewayini." }
{ "en": "The king said to Ziba, What do you mean by these? Ziba said, The donkeys are for the king's household to ride on; and the bread and summer fruit for the young men to eat; and the wine, that such as are faint in the wilderness may drink.", "xh": "Wathi ukumkani kuTsibha, Uthini na ngezi zinto? Wathi uTsibha, Amaesile ngawokukhwela abendlu yokumkani, izonka neziqhamo zasehlotyeni zezokudliwa ngamadodana; iwayini yeyokuba basele abatyhafileyo entlango." }
{ "en": "The king said, \"Where is your master's son?\" Ziba said to the king, \"Behold, he is staying in Jerusalem; for he said, 'Today the house of Israel will restore me the kingdom of my father.'\"", "xh": "Wathi ukumkani, Uphi na unyana wenkosi yakho? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya, ehleli eYerusalem; ngokuba uthi, Namhla indlu yakwaSirayeli iya kububuyisela kum ubukumkani bukabawo." }
{ "en": "Then the king said to Ziba, \"Behold, all that pertains to Mephibosheth is yours.\" Ziba said, \"I do obeisance. Let me find favor in your sight, my lord, O king.\"", "xh": "Wathi ukumkani kuTsibha, Nanko, kukokwakho konke okukaMefibhoshete. Wathi uTsibha, Ndiyaqubuda; mandibabalwe nguwe, nkosi yam kumkani." }
{ "en": "When king David came to Bahurim, behold, a man of the family of the house of Saul came out, whose name was Shimei, the son of Gera. He came out, and cursed still as he came.", "xh": "Wafika ukumkani uDavide eBhahurim, nanko, kuphuma khona indoda yomzalwane wendlu kaSawule, egama linguShimehi, unyana kaGera; yaphuma yahamba itshabhisa." }
{ "en": "He cast stones at David, and at all the servants of king David, and all the people and all the mighty men were on his right hand and on his left.", "xh": "Yamxuluba ngamatye uDavide, nabakhonzi bonke bokumkani uDavide; bonke abantu namagorha onke babengasekunene nangasekhohlo kuye." }
{ "en": "Shimei said when he cursed, \"Be gone, be gone, you man of blood, and base fellow!", "xh": "Wathi uShimehi ukutshabhisa kwakhe, Phuma, phuma, mfondini wamagazi, mfondini ulitshijolo;" }
{ "en": "Yahweh has returned on you all the blood of the house of Saul, in whose place you have reigned! Yahweh has delivered the kingdom into the hand of Absalom your son! Behold, you are caught by your own mischief, because you are a man of blood!\"", "xh": "uYehova uwabuyisele phezu kwakho onke amagazi endlu kaSawule, othe wena wangukumkani esikhundleni sakhe; uYehova ubunikele ubukumkani esandleni sika-Abhisalom, unyana wakho. Yabona, weyele ebubini bakho, ngokuba ungumfo wamagazi." }
{ "en": "Then Abishai the son of Zeruiah said to the king, \"Why should this dead dog curse my lord the king? Please let me go over and take off his head.\"", "xh": "Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko." }
{ "en": "The king said, \"What have I to do with you, you sons of Zeruiah? Because he curses, and because Yahweh has said to him, 'Curse David;' who then shall say, 'Why have you done so?'\"", "xh": "Wathi ukumkani, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya? Myeke atshabhise; xa uYehova athe kuye, Mtshabhise uDavide, ngubani na oya kuthi, Yini na ukuba wenjenjalo?" }
{ "en": "David said to Abishai, and to all his servants, \"Behold, my son, who came forth from my bowels, seeks my life. How much more this Benjamite, now? Leave him alone, and let him curse; for Yahweh has invited him.", "xh": "Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam ophume ezibilinini zam ungxamele umphefumlo wam; angabeka phi na ke ngoku lo mBhenjamin? Myekeni atshabhise; ngokuba utshilo kuye uYehova." }
{ "en": "It may be that Yahweh will look on the wrong done to me, and that Yahweh will repay me good for the cursing of me today.\"", "xh": "Mhlawumbi uYehova angabukhangela ubugwenxa bam, uYehova andibuyisele okulungileyo, esikhundleni sokutshabhiswa kwam namhla." }
{ "en": "So David and his men went by the way; and Shimei went along on the hillside opposite him, and cursed as he went, threw stones at him, and threw dust.", "xh": "UDavide wahamba ngendlela namadoda akhe; uShimehi ehamba ecaleni lentaba elilunge naye, engaphesheya; wahamba etshabhisa, wamxuluba ngamatye emalunga naye, emphosa nothuli." }
{ "en": "The king, and all the people who were with him, came weary; and he refreshed himself there.", "xh": "Ukumkani nabantu bonke abanaye beza eAyefim, bakha baphefumla khona." }
{ "en": "Absalom, and all the people, the men of Israel, came to Jerusalem, and Ahithophel with him.", "xh": "Ke kaloku uAbhisalom nabantu bonke, amadoda akwaSirayeli, beza eYerusalem, benoAhitofele." }
{ "en": "It happened, when Hushai the Archite, David's friend, had come to Absalom, that Hushai said to Absalom, \"Long live the king! Long live the king!\"", "xh": "Kwathi, akufika uHushayi waseArki, umhlobo kaDavide, kuAbhisalom, wathi uHushayi kuAbhisalom, Makadle ubomi ukumkani, makadle ubomi ukumkani." }
{ "en": "Absalom said to Hushai, \"Is this your kindness to your friend? Why didn't you go with your friend?\"", "xh": "Wathi uAbhisalom kuHushayi, Yinceba yakho na le kumhlobo wakho? Yini na ukuba ungabambi nomhlobo wakho?" }
{ "en": "Hushai said to Absalom, \"No; but whomever Yahweh, and this people, and all the men of Israel have chosen, his will I be, and with him I will stay.", "xh": "Wathi uHushayi kuAbhisalom, Hayi, onyulwe nguYehova nangaba bantu, nangamadoda onke akwaSirayeli, ndoba ngowakhe mna, ndihlale naye mna." }
{ "en": "Again, whom should I serve? Shouldn't I serve in the presence of his son? As I have served in your father's presence, so will I be in your presence.\"", "xh": "Kananjalo ndibe ndifanele ukukhonza bani na? Bendingafanele kukhonza phambi konyana wakhe na? Njengoko ndakhonzayo phambi koyihlo, ndiya kwenjenjalo phambi kwakho." }
{ "en": "Then Absalom said to Ahithophel, \"Give your counsel what we shall do.\"", "xh": "Wathi uAbhisalom kuAhitofele, Khanenze icebo, ukuba siya kwenza ntoni na." }
{ "en": "Ahithophel said to Absalom, \"Go in to your father's concubines, that he has left to keep the house. Then all Israel will hear that you are abhorred by your father. Then the hands of all who are with you will be strong.\"", "xh": "Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Ngena kumashweshwe kayihlo, awashiyileyo ukuba agcine indlu, eve onke amaSirayeli ukuba uzinukisile kuyihlo, zomelele izandla zabo bonke abanawe." }
{ "en": "So they spread Absalom a tent on the top of the house; and Absalom went in to his father's concubines in the sight of all Israel.", "xh": "Bamtwabululela uAbhisalom intente phezu kwendlu; wangena uAbhisalom kumashweshwe kayise emehlweni amaSirayeli onke." }
{ "en": "The counsel of Ahithophel, which he gave in those days, was as if a man inquired at the oracle of God: so was all the counsel of Ahithophel both with David and with Absalom.", "xh": "Ke kaloku icebo lika-Ahitofele, abecebisa ngalo ngaloo mihla, belinjengelobuze kwilizwi likaThixo; belinjalo lonke icebo lika-Ahitofele kuDavide nakuAbhisalom." }
{ "en": "Moreover Ahithophel said to Absalom, \"Let me now choose twelve thousand men, and I will arise and pursue after David tonight.", "xh": "Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Makhe ndinyule ishumi lamawaka elinamawaka amabini amadoda, ndisuke, ndimsukele uDavide ngobu busuku;" }
{ "en": "I will come on him while he is weary and exhausted, and will make him afraid. All the people who are with him shall flee. I will strike the king only;", "xh": "ndimfikele ediniwe, ewe izandla, ndimothuse; basabe bonke abantu anabo; ndibulale ukumkani yedwa;" }
{ "en": "and I will bring back all the people to you. The man whom you seek is as if all returned. All the people shall be in peace.\"", "xh": "ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu." }
{ "en": "The saying pleased Absalom well, and all the elders of Israel.", "xh": "Lalunga elo zwi emehlweni ka-Abhisalom, nasemehlweni amadoda amakhulu onke akwaSirayeli." }
{ "en": "Then Absalom said, \"Now call Hushai the Archite also, and let us hear likewise what he says.\"", "xh": "Wathi uAbhisalom, Khawubize noHushayi waseArki, sive into esemlonyeni wakhe naye." }
{ "en": "When Hushai had come to Absalom, Absalom spoke to him, saying, \"Ahithophel has spoken like this. Shall we do what he says? If not, speak up.\"", "xh": "Weza uHushayi kuAbhisalom; wathi uAbhisalom kuye, UAhitofele uthethe eli lizwi wenjenje. Senze ngelizwi lakhe, singenzi ngalo, kusini na? Khawutsho wena." }
{ "en": "Hushai said to Absalom, \"The counsel that Ahithophel has given this time is not good.\"", "xh": "Wathi uHushayi kuAbhisalom, Icebo uAhitofele acebisa lona alilungile okwangoku." }
{ "en": "Hushai said moreover, \"You know your father and his men, that they are mighty men, and they are fierce in their minds, like a bear robbed of her cubs in the field. Your father is a man of war, and will not lodge with the people.", "xh": "Wathi uHushayi, Wena uyamazi uyihlo namadoda akhe, ukuba ngamagorha amphefumlo ulugcalagcala, njengebhere ehluthwe amathole ayo ezindle; uyihlo yindoda eqhele ukulwa, akalali ebantwini." }
{ "en": "Behold, he is now hidden in some pit, or in some other place. It will happen, when some of them have fallen at the first, that whoever hears it will say, 'There is a slaughter among the people who follow Absalom!'", "xh": "Yabona, kungokunje uzimele emgongxweni, nokuba kukwenye indawo. Kothi ke, xa athe wabawela ekuqaleni, eve ovayo, athi, Kukho uxabelo ebantwini abamlandelayo uAbhisalom;" }
{ "en": "Even he who is valiant, whose heart is as the heart of a lion, will utterly melt; for all Israel knows that your father is a mighty man, and those who are with him are valiant men.", "xh": "athi nomfo onobukroti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, anyibilike kuphele. Ngokuba onke amaSirayeli ayazi ukuba uyihlo ligorha, abo banaye ngamakroti." }
{ "en": "But I counsel that all Israel be gathered together to you, from Dan even to Beersheba, as the sand that is by the sea for multitude; and that you go to battle in your own person.", "xh": "Ndithi elam icebo, makahlanganiswe, ahlanganiselwe kuwe, onke amaSirayeli, athabathele kwaDan ese eBher-sheba, abe njengentlabathi engaselwandle ubuninzi, uye emfazweni ngesiqu." }
{ "en": "So shall we come on him in some place where he shall be found, and we will light on him as the dew falls on the ground; and of him and of all the men who are with him we will not leave so much as one.", "xh": "Sofika ke kuye endaweni, apho afumaneke khona, sithi qatha phezu kwakhe, njengokulala kombethe emhlabeni, kungasali namnye kuye nakumadoda onke anaye." }
{ "en": "Moreover, if he be gone into a city, then shall all Israel bring ropes to that city, and we will draw it into the river, until there isn't one small stone found there.\"", "xh": "Ke ukuba uthe warholela emzini, onke amaSirayeli ozisa izintya kuloo mzi, siwukrwiqilizele emlanjeneni, kude kungafumaneki nelityana khona." }
{ "en": "Absalom and all the men of Israel said, \"The counsel of Hushai the Archite is better than the counsel of Ahithophel.\" For Yahweh had ordained to defeat the good counsel of Ahithophel, to the intent that Yahweh might bring evil on Absalom.", "xh": "Wathi uAbhisalom namadoda onke akwaSirayeli, Icebo likaHushayi umArki lilungile kunecebo lika-Ahitofele. UYehova wayemise ukuba litshitshiswe icebo elilungileyo lika-Ahitofele, ukuze uYehova amzisele ububi uAbhisalom." }
{ "en": "Then Hushai said to Zadok and to Abiathar the priests, \"Ahithophel counseled Absalom and the elders of Israel that way; and I have counseled this way.", "xh": "Wathi uHushayi kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, Wenjenje, wenjenje uAhitofele ukumpha icebo uAbhisalom namadoda amakhulu akwaSirayeli; ke mna ndenjenje, ndenjenje ukubapha icebo." }
{ "en": "Now therefore send quickly, and tell David, saying, 'Don't lodge this night at the fords of the wilderness, but by all means pass over; lest the king be swallowed up, and all the people who are with him.'\"", "xh": "Thumelani ke ngoko kamsinya, nimxelele uDavide, nithi, Musa ukulala ngobu busuku emazibukweni entlango; khawuleza uwele, hleze aginywe ukumkani nabantu bonke anabo." }
{ "en": "Now Jonathan and Ahimaaz were staying by En Rogel; and a female servant used to go and tell them; and they went and told king David. For they might not be seen to come into the city.", "xh": "Ke kaloku uYonatan noAhimahatse babemi e-En-rogele; waye umkhonzazana emana ukubaxelela; baya ke bona baxelela ukumkani uDavide; ngokuba babengenakuya besiza phakathi komzi ekuhleni." }
{ "en": "But a boy saw them, and told Absalom. Then they both went away quickly, and came to the house of a man in Bahurim, who had a well in his court; and they went down there.", "xh": "Umfana wababona, waxelela uAbhisalom. Bobabini ke basaba ngokukhawuleza, bafika endlwini yendoda eBhahurim ebinequla entendelezweni yayo, behla, behlela khona apho." }
{ "en": "The woman took and spread the covering over the well's mouth, and spread out bruised grain on it; and nothing was known.", "xh": "Intokazi yathabatha isigqubuthelo, yasitwabulula emlonyeni wequla elo, yaneka phezu kwaso irhasi engqushiweyo; ayaziwa ke loo nto." }
{ "en": "Absalom's servants came to the woman to the house; and they said, \"Where are Ahimaaz and Jonathan?\" The woman said to them, \"They have gone over the brook of water.\" When they had sought and could not find them, they returned to Jerusalem.", "xh": "Bafika abakhonzi baka-Abhisalom kuloo ntokazi endlwini, bathi, Baphi na ooAhimahatse noYonatan? Yathi loo ntokazi kubo, Bawele umlanjana lo unamanzi. Bafuna ke, ababafumana; babuyela eYerusalem." }
{ "en": "It happened, after they had departed, that they came up out of the well, and went and told king David; and they said to David, \"Arise and pass quickly over the water; for thus has Ahithophel counseled against you.\"", "xh": "Kwathi emva kokumka kwabo, baphuma equleni, baya bamxelela ukumkani uDavide; bathi kuDavide, Sukani niwele kamsinya emanzini; ngokuba wenjenje uAhitofele ukubapha icebo ngani." }
{ "en": "Then David arose, and all the people who were with him, and they passed over the Jordan. By the morning light there lacked not one of them who had not gone over the Jordan.", "xh": "Wesuka ke uDavide nabantu bonke anabo, bayiwela iYordan; kwathi kusasa kwabe kungasekho namnye ungayiwelanga iYordan." }
{ "en": "When Ahithophel saw that his counsel was not followed, he saddled his donkey, and arose, and went home, to his city, and set his house in order, and hanged himself; and he died, and was buried in the tomb of his father.", "xh": "Ebonile uAhitofele ukuba akwenziwanga ngelakhe icebo, wabopha iesile, wesuka, wagoduka, waya emzini wakhe, wayolela, wazikrwitsha wafa; wangcwatyelwa engcwabeni likayise." }
{ "en": "Then David came to Mahanaim. Absalom passed over the Jordan, he and all the men of Israel with him.", "xh": "UDavide wafika eMahanayim; uAbhisalom wayiwela iYordan, yena namadoda onke akwaSirayeli kunye naye." }
{ "en": "Absalom set Amasa over the army instead of Joab. Now Amasa was the son of a man, whose name was Ithra the Israelite, who went in to Abigail the daughter of Nahash, sister to Zeruiah, Joab's mother.", "xh": "UAbhisalom wammisa uAmasa esikhundleni sikaYowabhi phezu komkhosi. Ke uAmasa ebengunyana wendoda egama linguItra, engumYizereli, eyangena kuAbhigali intombi kaNahashe, udade boTseruya, unina boYowabhi." }
{ "en": "Israel and Absalom encamped in the land of Gilead.", "xh": "AmaSirayeli noAbhisalom bamisa ezweni laseGiliyadi." }
{ "en": "It happened, when David had come to Mahanaim, that Shobi the son of Nahash of Rabbah of the children of Ammon, and Machir the son of Ammiel of Lodebar, and Barzillai the Gileadite of Rogelim,", "xh": "Kwathi, akufika uDavide eMahanayim, uShobhi unyana kaNahashe, waseRabha yakoonyana baka-Amon, noMakire unyana ka-Amiyeli, waseLo-debhare, noBharzilayi, waseGiliyadi waseRogelim," }
{ "en": "brought beds, basins, earthen vessels, wheat, barley, meal, parched grain, beans, lentils, roasted grain,", "xh": "bazisa iinkuko, nezitya, nemiphanda, nengqolowa, nerhasi, nomgubo, namakhweba neembotyi, neentlumaya, nezinye izinto ezigcadiweyo," }
{ "en": "honey, butter, sheep, and cheese of the herd, for David, and for the people who were with him, to eat: for they said, \"The people are hungry, and weary, and thirsty, in the wilderness.\"", "xh": "nobusi, namasi, nempahla emfutshane, nezonka zamasi enkomo, kuDavide nabantu abenabo, ukuze badle; kuba babesithi, Abantu balambile, batyhafile, banxaniwe entlango." }
{ "en": "David numbered the people who were with him, and set captains of thousands and captains of hundreds over them.", "xh": "UDavide wababala abantu abenabo, wamisa abathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu phezu kwabo." }
{ "en": "David sent forth the people, a third part under the hand of Joab, and a third part under the hand of Abishai the son of Zeruiah, Joab's brother, and a third part under the hand of Ittai the Gittite. The king said to the people, \"I will surely go forth with you myself also.\"", "xh": "UDavide wasinikela isahlulo sesithathu sabantu esandleni sikaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sika-Abhishayi unyana kaTseruya, umninawa kaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sikaItayi waseGati. Wathi ukumkani ebantwini, Nam ndiya kuphuma, ndiphume nani." }
{ "en": "But the people said, \"You shall not go forth; for if we flee away, they will not care for us; neither if half of us die, will they care for us. But you are worth ten thousand of us. Therefore now it is better that you are ready to help us out of the city.\"", "xh": "Bathi abantu, Uze ungaphumi; ngokuba xa sithe sasaba, sisabile, abayi kusibekela ntliziyo thina; nokuba kuthe kwafa isiqingatha kuthi, abayi kusibekela ntliziyo; ngokuba ungangamawaka alishumi kuthi; kulungile kanye ukuba usincede, ukuwo umzi." }
{ "en": "The king said to them, \"I will do what seems best to you.\" The king stood beside the gate, and all the people went out by hundreds and by thousands.", "xh": "Wathi ukumkani kubo, Okulungileyo emehlweni enu ndokwenza. Ukumkani wema ecaleni lesango, abantu bonke baphuma ngamakhulu nangamawaka." }
{ "en": "The king commanded Joab and Abishai and Ittai, saying, \"Deal gently for my sake with the young man, even with Absalom.\" All the people heard when the king commanded all the captains concerning Absalom.", "xh": "Ukumkani wabawisela umthetho uYowabhi noAbhishayi noItayi, wathi, Mphatheni kakuhle umfana uAbhisalom, ngenxa yam. Beva bonke abantu ukubawisela kokumkani umthetho abathetheli ngenxa ka-Abhisalom." }
{ "en": "So the people went out into the field against Israel: and the battle was in the forest of Ephraim.", "xh": "Baphuma ke abantu, baya ezindle, bawahlangabeza amaSirayeli; kwaliwa ehlathini lakwaEfrayim;" }
{ "en": "The people of Israel were struck there before the servants of David, and there was a great slaughter there that day of twenty thousand men.", "xh": "babulawelwa khona abantu bakwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide; ngaloo mini kwabakho khona uxabelo olukhulu, amawaka angamashumi omabini." }
{ "en": "For the battle was there spread over the surface of all the country; and the forest devoured more people that day than the sword devoured.", "xh": "Kwaphangalala khona ukulwa phezu kwelizwe lonke; ihlathi ladla ebantwini into eninzi, ngaphezu kokudla kwekrele, ngaloo mini." }
{ "en": "Absalom happened to meet the servants of David. Absalom was riding on his mule, and the mule went under the thick boughs of a great oak, and his head caught hold of the oak, and he was taken up between the sky and earth; and the mule that was under him went on.", "xh": "UAbhisalom waqubisana nabakhonzi bakaDavide. UAbhisalom waye ekhwele kundlebende, undlebende wangena phantsi kwentshinyela yomterebhinti omkhulu; yabambeka emterebhintini intloko yakhe, waphakathi kwezulu nomhlaba; wemka undlebende obephantsi kwakhe." }
{ "en": "A certain man saw it, and told Joab, and said, \"Behold, I saw Absalom hanging in an oak.\"", "xh": "Yabona indoda ethile, yamxelela uYowabhi, yathi, Khangela, ndimbonile uAbhisalom exhomekile emterebhintini." }
{ "en": "Joab said to the man who told him, \"Behold, you saw it, and why didn't you strike him there to the ground? I would have given you ten pieces of silver, and a sash.\"", "xh": "Wathi uYowabhi kuloo ndoda imxeleleyo, Khangela, umbonile nje, ibiyini na ukuba ungambethi awe khona emhlabeni? Ngendikunike ishumi lesilivere nombhinqo." }
{ "en": "The man said to Joab, \"Though I should receive a thousand pieces of silver in my hand, I still wouldn't put forth my hand against the king's son; for in our hearing the king commanded you and Abishai and Ittai, saying, 'Beware that none touch the young man Absalom.'", "xh": "Yathi loo ndoda kuYowabhi, Ndingafanelana ndilinganiselwe esandleni sam iwaka lesilivere, bendingede ndise isandla sam kunyana wokumkani; ngokuba ukumkani, sisiva, wakuwisela umthetho, wena noAbhishayi noItayi, wathi, Nokuba ngoobani, ize bamgcine umfana uAbhisalom." }
{ "en": "Otherwise if I had dealt falsely against his life (and there is no matter hidden from the king), then you yourself would have set yourself against me.\"", "xh": "Okanye ukuba bendithe ndenza ubuxoki emphefumlweni wakhe —kuba kungekho nto ikhanyelekayo kukumkani—wena ubuya kundichasa." }
{ "en": "Then Joab said, \"I'm not going to wait like this with you.\" He took three darts in his hand, and thrust them through the heart of Absalom, while he was yet alive in the midst of the oak.", "xh": "Wathi uYowabhi, Andinakwenjenje, ndilibale nguwe. Wathabatha izikhali zazithathu ngesandla sakhe, wamhlaba uAbhisalom entliziyweni, esaphilile, emterebhintini apho." }
{ "en": "Ten young men who bore Joab's armor surrounded and struck Absalom, and killed him.", "xh": "Amrhawula amadodana alishumi angabaphathi bempahla kaYowabhi, atsho kuAbhisalom, ambulala." }
{ "en": "Joab blew the trumpet, and the people returned from pursuing after Israel; for Joab held back the people.", "xh": "Wavuthela uYowabhi isigodlo, babuya abantu ekuwasukeleni amaSirayeli; ngokuba uYowabhi wabanqanda abantu." }
{ "en": "They took Absalom, and cast him into the great pit in the forest, and raised over him a very great heap of stones. Then all Israel fled everyone to his tent.", "xh": "Bamthabatha uAbhisalom, bamphosa ehlathini emgongxweni omkhulu, bafumba imfumba enkulu kakhulu yamatye phezu kwakhe. Asaba onke amaSirayeli, elowo waya ententeni yakhe." }
{ "en": "Now Absalom in his lifetime had taken and reared up for himself the pillar, which is in the king's dale; for he said, \"I have no son to keep my name in memory.\" He called the pillar after his own name; and it is called Absalom's monument, to this day.", "xh": "Ke kaloku uAbhisalom ekudleni kwakhe ubomi wayethabathe wazimisela ilitye elisentilini yokumkani; ngokuba ubesithi, Andinanyana wokulikhumbuza igama lam. Walibiza ngegama lakhe elo litye: labizwa ngokuthi sisikhumbuzo sika-Abhisalom unanamhla." }
{ "en": "Then Ahimaaz the son of Zadok said, \"Let me now run, and bear the king news, how that Yahweh has avenged him of his enemies.\"", "xh": "Wathi uAhimahatse, unyana kaTsadoki, Mandigidime, ndimshumayeze ukumkani iindaba ezilungileyo zokuba uYehova umgwebele, wamkhulula ezandleni zeentshaba zakhe." }
{ "en": "Joab said to him, \"You shall not be the bearer of news this day, but you shall bear news another day. But today you shall bear no news, because the king's son is dead.\"", "xh": "Wathi uYowabhi kuye, Akunguye mfo weendaba ezilungileyo namhla; woshumayela iindaba ezilungileyo ngenye imini, kodwa namhla akusayi kushumayela zindaba zilungileyo, ngokuba unyana wokumkani ufile." }
{ "en": "Then Joab said to the Cushite, \"Go, tell the king what you have seen!\" The Cushite bowed himself to Joab, and ran.", "xh": "Wathi uYowabhi kuKushi, Hamba uye kumxelela ukumkani okubonileyo. Waqubuda uKushi kuYowabhi, wagidima ke." }
{ "en": "Then Ahimaaz the son of Zadok said yet again to Joab, \"But come what may, please let me also run after the Cushite.\" Joab said, \"Why do you want to run, my son, since that you will have no reward for the news?\"", "xh": "Wabuya waphinda uAhimahatse, unyana kaTsadoki, wathi kuYowabhi, Nokuba kutheni, makhe ndimlandele nam uKushi. Wathi uYowabhi, Yini na ukuba ugidime, nyana wam, ungenazindaba zilungileyo zinanzuzo nje?" }
{ "en": "\"But come what may,\" he said, \"I will run.\" He said to him, \"Run!\" Then Ahimaaz ran by the way of the Plain, and outran the Cushite.", "xh": "Wathi, Nokuba kutheni, mandigidime. Wathi kuye, Gidima. Wagidima ke uAhimahatse ngendlela yaloo mmandla, wegqitha kuKushi." }
{ "en": "Now David was sitting between the two gates: and the watchman went up to the roof of the gate to the wall, and lifted up his eyes, and looked, and, behold, a man running alone.", "xh": "Ke uDavide ebehleli phakathi kwamasango amabini. Umlindi waya emphezulwini wesango eludongeni, waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza indoda, ibaleka iyodwa." }
{ "en": "The watchman cried, and told the king. The king said, \"If he is alone, there is news in his mouth.\" He came closer and closer.", "xh": "Wamemeza umlindi, waxelela ukumkani. Wathi ukumkani, Ukuba iyodwa, ineendaba ezilungileyo emlonyeni wayo. Yeza isiza yasondela." }
{ "en": "The watchman saw another man running; and the watchman called to the porter, and said, \"Behold, a man running alone!\" The king said, \"He also brings news.\"", "xh": "Umlindi wabona enye indoda ibaleka; umlindi wamemeza esangweni, wathi, Nantsiya indoda ibaleka iyodwa. Wathi ukumkani, Naleyo ingumshumayeli weendaba ezilungileyo." }
{ "en": "The watchman said, \"I think the running of the first one is like the running of Ahimaaz the son of Zadok.\" The king said, \"He is a good man, and comes with good news.\"", "xh": "Wathi umlindi, Ndikubona ukubaleka kwephambili kufana nokubaleka kuka-Ahimahatse, unyana kaTsadoki. Wathi ukumkani, Yindoda elungileyo leyo, iza neendaba ezilungileyo." }
{ "en": "Ahimaaz called, and said to the king, \"All is well.\" He bowed himself before the king with his face to the earth, and said, \"Blessed is Yahweh your God, who has delivered up the men who lifted up their hand against my lord the king!\"", "xh": "Wamemeza uAhimahatse, wathi kukumkani, Hlala kakuhle. Waqubuda ngobuso emhlabeni kukumkani, wathi, Makabongwe uYehova uThixo wakho, owanikeleyo amadoda asiphakamisileyo isandla sawo enkosini yam ukumkani." }
{ "en": "The king said, \"Is it well with the young man Absalom?\" Ahimaaz answered, \"When Joab sent the king's servant, even me your servant, I saw a great tumult, but I don't know what it was.\"", "xh": "Wathi ukumkani, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom? Wathi uAhimahatse, Ndibone ingxokolo enkulu, ekumthumeni kukaYowabhi umkhonzi kakumkani, nomkhonzi wakho lo, ndingazi ukuba yintoni na." }
{ "en": "The king said, \"Turn aside, and stand here.\" He turned aside, and stood still.", "xh": "Wathi ukumkani, Shenxela ecaleni, ume apha. Washenxa wema." }
{ "en": "Behold, the Cushite came. The Cushite said, \"News for my lord the king; for Yahweh has avenged you this day of all those who rose up against you.\"", "xh": "Nanko ke uKushi efika. Wathi uKushi, Mayishunyayezwe iindaba ezilungileyo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYehova ukugwebele namhla, wakukhulula esandleni sabo bonke ababesukele phezulu kuwe." }
{ "en": "The king said to the Cushite, \"Is it well with the young man Absalom?\" The Cushite answered, \"May the enemies of my lord the king, and all who rise up against you to do you harm, be as that young man is.\"", "xh": "Wathi ukumkani kuKushi, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom? Wathi uKushi, Iintshaba zenkosi yam ukumkani, nabo bonke abasukele phezulu kuwe ukukwenza into embi, mababe njengaloo ndodana." }
{ "en": "The king was much moved, and went up to the room over the gate, and wept. As he went, he said, \"My son Absalom! My son, my son Absalom! I wish I had died for you, Absalom, my son, my son!\"", "xh": "Wagungqa ukumkani; wenyuka waya egumbini eliphezu kwesango, walila, wathetha ekuyeni kwakhe, esithi, Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam, Abhisalom! Akwaba bekufe mna esikhundleni sakho, Abhisalom, nyana wam, nyana wam!" }
{ "en": "It was told Joab, \"Behold, the king weeps and mourns for Absalom.\"", "xh": "Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, Nanko ukumkani elila, esenza isijwili ngoAbhisalom." }
{ "en": "The victory that day was turned into mourning to all the people; for the people heard it said that day, \"The king grieves for his son.\"", "xh": "Usindiso lwajika lwaba sisijwili ngaloo mini ebantwini bonke; ngokuba abantu beva ngaloo mini kusithiwa, Ukumkani wenza isijwili ngonyana wakhe." }
{ "en": "The people sneaked into the city that day, as people who are ashamed steal away when they flee in battle.", "xh": "Abantu banyebeleza ngaloo mini ukungena kwabo phakathi komzi, njengokunyebeleza kwabantu abazihlazisileyo ngokusaba ekulweni." }
{ "en": "The king covered his face, and the king cried with a loud voice, \"My son Absalom, Absalom, my son, my son!\"", "xh": "Ke ukumkani wazigqubuthela ubuso, wahlahlamba ukumkani ngezwi elikhulu, wathi, Nyana wam, Abhisalom! Abhisalom, nyana wam, nyana wam!" }
{ "en": "Joab came into the house to the king, and said, \"You have shamed this day the faces of all your servants, who this day have saved your life, and the lives of your sons and of your daughters, and the lives of your wives, and the lives of your concubines;", "xh": "Weza uYowabhi kukumkani endlwini, wathi, Ubudanisile namhla ubuso babakhonzi bakho bonke, abawusindisileyo namhla umphefumlo wakho, nomphefumlo woonyana bakho noweentombi zakho, nomphefumlo wabafazi bakho, nomphefumlo wamashweshwe akho," }
{ "en": "in that you love those who hate you, and hate those who love you. For you have declared this day, that princes and servants are nothing to you. For today I perceive that if Absalom had lived, and all we had died this day, then it would have pleased you well.", "xh": "ngokubathanda abakuthiyayo, nangokubathiya abakuthandayo. Ngokuba uxelile namhla, ukuba abanto kuwe abathetheli nabakhonzi; ngokuba ndazile namhla, ukuba ngekulungile emehlweni akho, ukuba ubethe wadla ubomi uAbhisalom, thina safa sonke siphela." }
{ "en": "Now therefore arise, go out, and speak to comfort your servants; for I swear by Yahweh, if you don't go out, not a man will stay with you this night. That would be worse to you than all the evil that has happened to you from your youth until now.\"", "xh": "Vuka kaloku, uphume, uthethe kakuhle nabakhonzi bakho; ngokuba ndifunga uYehova; ukuba akuthanga uphume, inene, akuyi kuhlala mntu nawe ngobu busuku; kube kubi kuwe oko, ngaphezu kobubi bonke obukufikeleyo, kuthabathela ebuncinaneni bakho kuzise kweli xesha." }
{ "en": "Then the king arose, and sat in the gate. They told to all the people, saying, \"Behold, the king is sitting in the gate.\" All the people came before the king. Now Israel had fled every man to his tent.", "xh": "Wavuka ke ukumkani, wahlala esangweni; kwaxelwa ebantwini bonke, kwathiwa, Nanko ukumkani ehleli esangweni. Beza ke bonke abantu phambi kokumkani. Ke amaSirayeli abesabile, elowo waya ententeni yakhe." }
{ "en": "All the people were at strife throughout all the tribes of Israel, saying, \"The king delivered us out of the hand of our enemies, and he saved us out of the hand of the Philistines; and now he has fled out of the land from Absalom.", "xh": "Abantu bonke babephikisana ezizweni zonke zakwaSirayeli, besithi, Ukumkani wasisiza esandleni seentshaba zethu, wasisindisa esandleni samaFilisti; ngoku ubalekile kweli lizwe ngenxa ka-Abhisalom;" }
{ "en": "Absalom, whom we anointed over us, is dead in battle. Now therefore why don't you speak a word of bringing the king back?\"", "xh": "ke uAbhisalom, esamthambisayo ukuba abe phezu kwethu, ufele emfazweni; ke ngoko nithele cwaka ni na, ukuba ningambuyisi nje ukumkani?" }
{ "en": "King David sent to Zadok and to Abiathar the priests, saying, \"Speak to the elders of Judah, saying, 'Why are you the last to bring the king back to his house? Since the speech of all Israel has come to the king, to return him to his house.", "xh": "Ke kaloku ukumkani uDavide wathumela kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, wathi, Thethani kumadoda amakhulu akwaYuda, nithi, Yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseleni endlwini yakhe ukumkani, intetho yamaSirayeli onke ifikile nje kukumkani endlwini yakhe?" }